mg老虎机游戏_经典老虎机—激情赢盈中】

图片

Isikolo seeLwimi noNcwadi: Icandelo leeLwimi zesiNtu kwiYunivesithi iRhodes lisingathe itheko lokuphehlelela iincwadi zeeMbongi

Ababhali beencwadi u Gqirhalwazi Athambile Masola kwakunye no Mthunzikazi Mbungwana ongumfundi
kwezobuGqirhalwazi kwiFilosofi kwiYinivesithi iRhodes.
Ababhali beencwadi u Gqirhalwazi Athambile Masola kwakunye no Mthunzikazi Mbungwana ongumfundi kwezobuGqirhalwazi kwiFilosofi kwiYinivesithi iRhodes.

Ibhalwe nguLuvo Mnyobe - Umfundi wesidanga seMastazi kwi-Economic Journalism 

 

Ngolwesibini, umhla we-21 KweyoMsintsi 2021, isikolo seeLwimi noNcwadi: Icandelo leeLwimi zesiNtu kwiYunivesithi iRhodes belibhiyozela ulwimi lwesiXhosa likwaphehlelela neencwadi zemibongo. Ezi ncwadi zibhalwe nguGqirhalwazi Athambile Masola, incwadi yakhe ithi Ilifa, kwakunye noUnam Wena ebhalwe nguMthunzikazi Mbungwana ongumfundi kwezobuGqirhalwazi kwiFilosofi kwiYinivesithi iRhodes. 

Bobabini aba babhali banobudlelwano kwakunye neYunivesithi iRhodes, apho babefunde izifundo zabo. UMasola ufunde kwiYunivesithi iRhodes apho afumene isidanga seMastazi kwakunye nesobuGqirhalwazi kwiFilosofi eqwalesele imbali yamanina aNtsundu kwakunye neembalo azibhalwe ngamanina aNtsundu. UMbungwana yena ufumene isidanga sakhe seMastazi kwiCreative Writing (ubuGcisa bokuBhala) ngolwimi lwesiXhosa kwalapha kwiYunivesithi iRhodes.

Lo msitho wokuphehlelela iincwadi zesiXhosa uphantsi kweenzame zecandelo leeLwimi zesiNtu ekuqwalaseleni uukuphuhlisa ulwimi lwenkobe.

UMasola ucacise ngokukubaluleka kolwimi lwenkobe. “Ndiyayithanda xa ibizwa ngeMother Tongue (ulwimi lwasekhaya/lwenkobe) kuba ibeka uxanduva kumzali ukuba afundise usana ulwimi lakhe” kwatso uMasola. 

UMasola uvule lo msitho ngombongo wakhe othi “Coconut”. Lo mbongo ujongene nokuphulukana kwabantu abatsha kunye nenkcubeko kwakunye nolwimi lwasekhaya. Kulo mbongo uMasola ubhala ngendlela afundiswa ngayo iziduku zakhe esithi:  

Awukwazi ukuzithutha?

I don’t know what that means. 

Iziduko zakho !

My dad only gave me 5. Said I wouldn’t remember zonke. 

UMasola ungenelele ngokucacisa ukuba iziduko zifana namabali ngembali yomntu. Ngoko ke ukubaluleka kwazo azinako ukugxininiswa ngakumbi. Wongeze ukuba okwaziyo ukufundisa abantwana iziduko zabo makabafundise ngokupheleleyo kuba yena wazifunda zonke sele emdala. 

UGqirha Bulelwa Nosilela, wakweli sebe eYunivesithi iRhodes ungenelele ngokugxininsa ukubaluleka kweziduko. 

“Libali lokwenene nembali ngobuntu bakho eli lifumaneka kwiziduko. Ngokuva apha koku kuzithutha kwakho kuyavakala amaGcina ngabantu abakhutheleyo” watsho uNosilela. 

Obeqhuba lo msitho, ngumfundi weYunivesithi iRhodes, uZikho Dana ubuze uMasola ukuba; njengokuba abantu abatsha, ingakumbi kumakhasi onxebelelwano uFacebook, uTwitter nezinye sele bebiza iziduko nge-Family Bars kuyintoni ukubaluleka kweziduko? 

“Ukuba abantwana bafuna ukuzitshinsha (ukuzi-Evolver) banakho ukwenza oko, uza kukhumbula ukuba kwasekuqaleni iziduko zaziveza amabali eveza imbali nebali labantu. Abantu bayatshintsha ngoko neziduko kufuneke zitshintshe” watsho uMasola.

UMbungwana naye ucacise ukuba ngexesha ebhala le ncwadi yemibongo ebebhalela isiqu sakhe. 

Uchaze wenjenje; “Ndingumbhali ozicingelayo ngoko ke ngeli xesha bendibhala le ncwadi bendicinga ngezinto zam, kwaye ndicebisa abafundi ukuba mababhale ngelizwe, ngendlela abalibona ngayo. Intsingiselo yombongo iza kusoloko isahluka, umntu ngamnye owufundayo uza kufumana intsingiselo eyahlukileyo”.

UDana ubuze uMbungwana ngombongo wakhe “Kuyatsha”, ebuza ukuba yintoni emphembelele ukuba makabhale lo mbongo. Uphendule esithi; 

“Siphila kwilizwe elitshayo, ndandicinga ngesankxwe sobomi apho sisoloko sifihla iingxaki esiphila phakathi kwazo. Kum inye indlela yokuphilisa ithumba, kukulitsha ligqabhuke. Ngamanye amaxesha sizama ukuhlala phezu kweengxaki kanti xa sinokuthetha ngezi ngxaki sisengqondweni nangaphandle singaphila sonke” uye watsho uMbungwana. 

UMasola wongeze omnye umbongo othi “Intombi ezilala emini”. UMasolo ucacise ukuba ngeli xesha ebebhala lo mbongo ebesenzela ukuhlisa amaxhala kubantu abatsha abahlala besebenza ngalo lonke ixesha. Ngalo mbongo ebezama ukucebisa abantu ukuba bazinike ixesha baphumle baze bakwazi ukucinga baziphilise engqondweni.

“Izinto ezifana neMental Health nonxunguphalo noxinzelelo lwengqondo zenziwa kukusoloko sifuna ukusebenza kanti ngelinye ixesha kuyafuneka ukuba uphole uzimamele ungenzi nto uzazi ukuba uphelele njengomntu ngaphandle kokusebenza” uMasola. 

Ezi mbongi zibuzwe ukuba zingacebisa zithini kumntwana oyintombi ophila kula maxesha sikuwo, bezibuzwa lo mbuzo nguGqirha uMakhenyane. Waphendula uMasola esithi naye ebekhe azibuze lo mbuzo wongeza ngelithi angawuphendula ngcono lo mbuzo ngombongo wakhe “Izwi Elidala”; 

Ekuqalekeni ube ekho ulizwi 

Mzukulwana ndikujongile 

Ndinomdla womkhe uyazibona na ukuba uyigolide 

“Ikhona le nto yokuba njengamanina sisoloko sikhangela ixabiso lethu kwimpumelelo. Lo mbongo undikhumbuza ukuba ndiphelele, ndizithembile andishoti ngamntu/nganto” watsho uMasola. 

UMbungwana wongeze ukuba kubalulekile ukuba sifundise abantwana endlini konke abakufunayo bangakufumana emakhaya. 

“Kubaluleki ukuba ootata, nangona benqabile bakhulise abantwana babakhumbuze ukuba banele ngendlela abayiyo. Eyona nto ibalulekileyo luthando. Umzali makabonise umntwana wakhe uthando. Nokuba litswele elityiwa endlina umzali makabekho” watsho uMbungwana. 

Ezi mbongi zongeze ngelithi; kunzima ukuthengisa iincwadi zesiXhosa ezenzelwe abantu abatsha. Ezi mbongi zithi iivenkile ezithengisa iincwadi zijonge isikakhulu kwezabantwana abancinci abaphantsi kweminyaka emihlanu. Kodwa ke kucacile ukuba iincwadi ezintsha ezifana nezi ezibhalwe ngabantu abatsha ziza kwenza igalelo ekubeni abantu baziqhenye ngenkcubeko yabo.